Funda le miba ilandelayo ukuqinisekisa ukuba wenza isigqibo esisekelwe elwazini
Yintoni ulawulo lwetyala?
Sisimo apho umntu onetyala eya kumlawuli wamatyala, ngokuqhelekileyo iba ligqwetha, eliya kuthi ke lijonge ingeniso yomntu kwinkcitho yeemfuno ezisisiseko, ngokunjalo neemali-mboleko/amatyala, i-inshurensi kunye nezinye iimfanelo zezimali. Umlawuli uya kufaka isicelo enkundleni ukuba isixa esithile somntu onetyala sibekwe ecaleni sibekelwa iimfuno ezisisiseko ize enye yonke yohlulelwe abantu umntu anamatyala kubo.
Yakuba inkundla iwamkele umyalelo, kuyakutsalwa ke kumntu onetyala aze umlawuli ayabele abantu umntu anamatyala kubo.
Ingaba oku kubiza imali?
Ewe, ezi zilandelayo ziindleko ezibandakanyekayo:
Imali yomlawuli yokufaka isicelo somyalelo wolawulo
Imali yomlawuli evela kwizavenge zakho zenyanga ngokukunceda ukuba uhlawule abantu onamatyala kubo (egcinwa izipeesenti ezili-12.5 zemali eqokelelweyo)
Imali yomqeshi (iipesenti ezi-5) yotsalo lwemali ukuze kuhlawulwe amatyala ukuba kukho nawaphi na
Inzala kumatyala eya kubantu umntu anamatyala kubo
Izinto ezibalulekileyo emazithathelwe ingqalelo ezijikeleze Imiyalelo yoLawulo
Ingaba uwufuna ngenene umyalelo wolawulo? Ingaba uyakuba kwindawo engcono yokuba uwahlawule uwagqibe amatyala akho ngexesha elifanelekileyo? Ingaba uke wazijonga ezinye iindlela zokusombulula iingxaki zakho zamatyala?
Kufuneka ukuba ungabinako ukuhlangabezana neemfanelo zakho zezimali.
Kufuneka ukuba ube uzixoxile kuqala iingxaki zakho kunye nabantu onamatyala kubo ukuze wenze amalungiselelo ezinye iindlela zokuhlawula.
Ingaba ubusazi ukuba uLawulo lwetyala lunganeempembelelo ezimbi kwimbali yakho yetyala? Awunakukwazi ukwenza naliphi na ityala. Emva kokuba uwahlawule wawagqiba amatyala akho kuyakufuneka ukuba ulinde eminye iminyaka emi-5 phambi kokuba ukwazi ukwenza naliphina ityala.
Khumbula iindleko (amatyala akho + inzala kumatyala + neendleko zentlawulo yomlawuli).
Iingcebiso ekufuneka uzikhumbule ukuba ngaba ufuna ufaka isicelo somyalelo wolawulo
Fumanisa ukuba umlawuli uyakukubiza malini na ngomsebenzi wakhe kwaye qinisekisa ukuba ufumana ucazululo lweendleko ngokubhalwe phantsi. Umlawuli uya kuyitsala le mali kwizavenge zenyanga phambi kokuba ahlawule abantu onamatyala kubo.
Awunakumhlawula umlawuli nayiphi na imali phambi kokuba umyalelo unikwe.
Qiniseka ukuba uziqonda xa zizonke iindleko zomyalelo wakho wolawulo, izavenge kunye nokuba uya kuba phantsi kolawulo ixesha elingakanani na.
Qinisekisa ukuba umlawuli uyazifumana izavenge zenyanga kuMyalelo wakho weNkundla kwaye ugcine ubungqina bayo yonke intlawulo.
Cela kumlawuli iakhawunti yakho yalo lonke ulwabiwo (uluhlu lwezimali oluhlawulwa kubantu onamatyala kubo) ekufuneka ukuba alulungise okungenani qho kwiinyanga ezi-3. Oku kuyakukunceda ukuba ubone ukuba abantu onamatyala kubo bahlawulwe.
Yiya kubantu bakho onamatyala kubo ukuya kuqinisekisa ukuba bazifumene na iintlawulo ezivela kumlawuli.
Imibuzo/icebo tsalela inombolo yoncedo ye-MFRC e: 0860 100 406 okanye kwi-Ofisi yeMicimbi yabaXumi okanye kwiZiko leeNgcebiso kummandla wakho
QINISEKA UKUBA UYAYAZI KWAYE UYAYIQONDA IMIBA KUNYE NAMALUNGELO AKHO PHAMBI KOKUBA UBEKWE PHANTSI KOLAWULO
